UBUNDLOBONGELA OBUSEKWE KWISINI NOMTHETHO WOLINGANO
Yintoni ubundlobongela obusekwe kwisini?
Ubundlobongela obusekwe kwisini buquka iindidi zoxhaphazo ezibandakanya, udlwengulo, ukoyikiswa ngezesondo, ukuxhatshazwa, ukuthotywa isidima, ukubethwa, ukukhathazwa ngokudlakazelisa umzimba wakho wangaphantsi, ubundlobongela obenzeka ekhaya, umbulo, ukuthengisa ngomzimba ngokunyanzelwa, ukutshutshiswa, ukufakwa kwezinto kumzimba wangaphantsi nokuzama ukudlwengula.
Ukusetyenziswa kwegama elithi "ubundlobongela obusekwe kwisini" kunika imeko entsha yokujonga yokuphonononga nokuqonda ubundlobongela kumabhinqa. Isusa ukugqalisa kumabhinqa njengamaxhoba kujongisa kwisini kunye noko kunxibelelene nokungalingani kwamagunya okanye amandla phakathi kwamabhinqa namadoda okwenziwa kukwagcinwa kweengcinga, izimvo okanye iintetho ezisoloko zisetyenziswa njalo ngesini, njengeyona ntsusa yokudlakazeliswa kwamabhinqa.
Igama elithi "ubundlobongela obenziwa kumabhinqa" lithetha nangasiphi na isenzo sodlakazeliso olusekwe kwisini oluneziphumo okanye olunokuba neziphumo zokwenzakaliswa kwamabhinqa emzimbeni, ngesondo okanye ukulimala engqondweni, kubandakanya nokoyikiswa ngezo zenzo, ukunyanzela okanye ukuzivimba inkululeko ngokuzithandela, kubomi bukawonkewonke okanye kubomi bomntu eyedwa.
Yintoni ukutshutshiswa ngezesondo?
Ukutshutshiswa ngezesondo nokunyanzelwa ngamagama asetyenziswa gabalala ukubhekisa kwiindlela ngeendlela zokuziphatha. Amagama axhaphakileyo asetyenziswa ukuchaza ukuphathwa kakubi abandakanya: 'ukudlwengula', 'ukudlwengula ngokubizelwa edingeni', ukudlwengulwa liqela labantu', ukunyanzelwa ukuya esondweni', 'ubundlobongela ngezesondo', 'ukuphathwa kakubi', 'ukubonisa amalungu angaphantsi ngokuwathi danya ixeshana' 'nokuphathwaphathwa okungamkelekanga'Ezi ndlela zokuziphatha zikho kwizintlu ezininzi ukususela ekuphathwaphathweni okungamkelekanga, neentethwana ezisingisele kwezesondo kuye kudlwengulo nokubulawa emva kokudlwengulwa. Nangona kukho umahluko ocacileyo phakathi kweedlela zokuziphatha ezibekwe kwiincakam ezimbini zesiphelo sento eqhubekayo (umahluko phakathi kokukhaliselwa umlozi olobayo nokudlwengulwa), uninzi lweedlela zokuziphatha ezisondeleleneyo ziyangenana ze zixubane zidibane, zenze kubekho iindawo ezingacaci ncam ezikholisa ukudala ingxoxo.
Yintoni ubundlobongela basekhaya/obenzeka ekhaya?
Abantu abaninzi bacinga ukuba ubundlobongela bubhekisa ekuhlaselweni komzimba kuphela kuhlaselwa oko okwenza ukuba ohlaselwayo alimale/enzakale. Umqondo obanzi wobundlobongela ungakubona njengenye yeendlela zobundlobonge ukuphathwa kakubi kovakalelo nokonakalisa izindlu nezinye izinto anazo omnye umntu. Xa sithetha ngobundlobongela obenzeka ekhaya okanye ebantwini abazalanayo, sukube sisebenzisa lo mqondo ubanzi ngobundlobongela. Xa sisebenzisa igama elithu 'ukuphatha kakubi' sikwabhekisa kubundlobongela obenzeka ekhaya.
Ukuphatha kakubi:
Yindlela efanayo yokulawula ngesinyanzelo okwenziwa ngomnye umntu komnye ukuze umntu alawule afumane oko akufunayo.
ukuphatha kakubi yindlela yokuziphatha elimaza umzimba, ivuselele uloyiko, ethintela ukuba umntu angayenzi into ayifunayo okanye enyanzelisa abantu ukuba baziphathe ngendlela abangazikhethelanga ngokuthanda.
Yintoni ukuxhatshazwa kwakhona?
Ukuxhatshazwa kwakhona kubhekisa kwinkqubo yokuxhaphaza kwakhona umntu osele elixhoba lobundlobongela kakade. Oku kwenzeka kumanqanam ngamanqanam kwinkqubo yobulungisa bobundlobongela naseluntwini.Ukuxhatshazwa kwakhona kwenzeka xa ii-arhente (okanye abantu ngabodwa) ezimsebenzi wazo ikukukhathalela abo basindileyo emva kokuxhatshazwa, zithi zingawukhathaleli lo msebenzi, ze ngaloo ndlela osindileyo eve intlungu yokwenzakala kwakhona.
Ukuxhatshazwa kwakhona kungenzeka kwezi ndawo zilandelayo kwinkqubo zobulungisa lolwaphula mthetho:
Emapoliseni
Kwiinkonzo zonyango
Ezinkundleni zamatyala
Yintoni ukuxhotyiswa/ukugunyaziswa kwamaxhoba?
Imibutho yoluntu ingadlala indima ebonakalayo ekunciphiseni ukuxhatshazwa kwamaxhoba kwakhona ngokunika iinkcukacha kwii-arhente/ kumaziko afanelekileyo kwanakubemi bendawo. Ukugunyaziswa kwamaxhoba nokwenza ukuba ii-arhente ziphendule ngezenzo zazo zizinto ezibalulekileyo ekunciphiseni ukudlakazeliswa kwakhona kwinkqubo zobulungisa lolwaphulo mthetho. Ixhoba nguye nabani na ove ubuhlungu okanye ilahleko ngenxa yolwaphulo mthetho ngelixa ukugunyaziswa kuthetha 'ukunikwa igunya/amandla'. Ukugunyaziswa kwamaxhoba ke ngoko kuthetha : ukunika igunya kwabo beve ubuhlungu.
Yintoni inkqubo/indlela embindi wayo ulixhoba?
Ilungelo lokuphathwa ngesidima
Ilungelo lokunika iinkcukacha zolwazi
Ilungelo lokufumana iinkcukacha zolwazi
Ilungelo lokufumana iingcebiso zabomthetho
Ilungelo lokukhuseleka
Ilungelo lokubuyekezwa
Yintoni amalungiselelo oMthetho-siseko?
Ilungelo lenkululeko ebundlobongeleni nasekuphathweni kakubi entlalweni nasekhaya.
UMthetho-siseko unika wonke ubani ilungelo lenkululeko nokhuseleko lomntu kuzo zonke iindidi zobundlobongela.
Ilungelo lokuphathwa ngokufanayo/ngokulinganayo emsebenzini
UMthetho-siseko wenze amalungiselelo okuba wonke umntu angacalucalulwa emsebenzini. Oku kuthetha ukuba amabhinqa namadoda mababe namathuba alinganayo nafanayo emsebenzini. Amabhinqa namadoda anelungelo lokuba semsebenzini ongenantshutshiso ngezesondo.
UMthetho oyilwayo woLwaphulo Mthetho kwezeSondo
UMthetho oyilwayo uqulathe uyilo loLwaphulo mthetho kwezeSondo, olujongene :
Nolwaphulo mthetho kwezesondo gabalala
 Ukwandiswa kwenkcazo yobudlwengu ukubandakanya
Ukufaka phakathi kumzimba wangasese ngaphandle kwemvume yomnye umntu okuba ibe lulwaphulo-mthetho olubandakanya ezesini.
Oku kuthetha ukuba nebhinqa linokumangalelwa ukudlwengula.
 Ukuphatha izinto ezithile ngenjongo yokwenza isenzo sesondo
Iindlela athi umdlakazelisi anyanzele ngazo ulawulo:
Ukusebenzisa ukoyikisa
Ukusebenzisa ukuphatha kakubi ngokuchukumisa uvakalelo/uluvo
Ukusebenzisa ukwenza umntu ikheswa
Ukuyenza ncinci into, ukukhanyela nokugxeka
Ukusebenzisa ilungelo elithile
Ukusebenzisa ukuphatha kakubi ezoqoqoqsho
Ukusebenzisa isinyanzelo nezothuso
